


WORD PUZZLE UNGAWINA

I-R25000!
KODWA XA LINGEKHO INGENELO ELICHANE NGOKUTHE GQATHU, INGENELO ELINEEMPOSISO EZIMBALWA LIYA KUWINA
AMA- R5 000!
NGENELA NGOKU!

KUQALA, FUNDA
APHA
NGOKUNGENELA IBona WORD PUZZLE YETHU UYA KUBA UNCEDA ABANTU ABANINZI. Kunjalo kanye, imali oyithumelayo iya ebhankini, ize ke isetyenziswe ekuncedeni abantu bakowethu kwilizwe liphela. Isetyenziswa ekwakheni iipaki zokudlalela, ekuthumeleni abantwana esikolweni, ekwakheni amagumbi okufundela, na-kwezinye izinto ezininzi ngokunjalo. Ngako oko ke. khumbula, uya kuba unceda abanye abantu.

*UYA KUBA UYAZINCEDA NAWE. 
Kulungile ke, le puzzle iya kukunceda ekufundeni isiNgesi. Ukuba unegama ongalaziyo, buza
kumhlobo wakho ukuba lithetha ntoni na, okanye ke ulikhangele kwisichazi-magama. Uya kumangaliswa yindlela isiNgesi sakho esiya kuya siphucuka ngokuphucuka ngayo. Kanti ngaphezulu, unokuwina isityhwentywe seMALI!


OMAWUKWENZE

Kuqala, jonga kwikhasi elilandelayo. Ubona ikhuphoni neepuzzle ezintathu. ziyafana zonke? Kulungile ke, inye kuzo liNGENELO, kwaye ukuba ujonga ngaphaya kwikhasi. uya kufumana amanye amangenelo amane. Ngoku ke. uyayibona na indlela ipuzzle eyenziwe ngayo yazizivakalisi ezingama-20, na-magama amabini okanye amathathu kwizibiyeli kwindawo 

ethile nje kwisivakalisi ngasinye? Ngoku ke kuphela omawukwenze kukuba ugqibe ngelona gama lilunge kweso sivakalisi kwiseti nganye yezibiyeli kwisivakalisi ngasinye uze ulibhale ke kwizithuba ezing-akwisivakalisi ngasinye, ubhala unobumba abe mnye kwibhloko nganye. Kanti ke usenokuziva ufuna ukukhetha elinye igama kwizivakalisi xa uzalisa elinye ingenelo. Kanti ke, usengawenza angafani onke amangenelo akho. Phofu ukuba wenza ngale ndlela unethuba elibhekele phaya lokuwina ibhaso elikhulu Nanku umzekelo wokuzalisa isivakalisi ngasinye

UYAYIBONA KE INDLELA EKULULA NGAYO!


KULUNGILE KE!
Ingenelo ngalinye olizalisayo lixabisa ama-60c. Lilonke ke xa uzalise lalinye kufuneka uthumele iposoda yama-60c, ukuze uthi ukuba uzalise amabini, ibe yiposoda yama-R1,20c. Ukuba ke uwazalise osixhenxe la mangenelo, kuya kufuneka uthumele iposoda yee-P4,20.


UKUTHUMELA AMA NGENELO AKHO
Makhe sithi nje uzalise amangenelo amahlanu. Loo nto ke ithetha ukuba kuya kufuneka uthenge iposoda yee-R3 (ukhumbule, ingenelo ngalinye ngamo-60c). Ngoku ke, bhala igama lakho nedilesi kwikhuphoni ngezantsi kwamangenela amathathu okugqibela ngaphaya kwikhasi, uze ubhale apho nenombolo yeposoda yakho ngokunja
lo. Ngoku ke - oku kuBALULEKE KAKHULU. KRAZULA IPHEPHA LEMAGA-
ZINI LONKE NGOCOSELELO
MUSA UKUSIKA UKHUPHE
NALIPHI NA KUMANGENELO
Ngoku ke, bhala ukuba iposoda yakho
mayihlawulwe kwiBONA uze ke ufake
iphepha elo liphuma kwiBona kunye ne-posoda yakho kwimvulophu enye uze uyithumele apha: Bona Word Puzzle, Box 32046, Mobeni, 4060. Ungawaposi nge-rejista amangenelo akho, kunoko, se-benzisa loo mali yerejista ngokuzalisa amanye amangenelo, uze uqinisekise ukuba amangenelo akho uwaposa
kakuhle phambi komhla wokuvalwa kolu khuphiswano ongulo:
JULAYI 28, 1995
IMITHETHO
1.Ungawathumela amangenelo abe maninzi kangongoko uthanda. Iikopi ezifotiweyo kunye nezinye iikopi ezifanelekileyo ziya kwamkelwa Amangenelo axabisa ama-60c lilinye kunjalonje kufuneka akhotshwe yiposoda yemali epheleleyo Amangenelo ofunyenwe engenamali akasayi kwamkeleka. Iiposodo mazingakhroswa.
2.Amongenelo akasayi kwamkeleka ukuba ngaba omnye unobumba ubhalwe phezu komnye okanye xa nawaphi na amagama engafundeki.
3. Akakho oya kugqitha ngaphaya kwezigqibo zabagwebi.
4. Nabani na angalungenela, ngaphandle kwabasebenzi baseRepublican Press kunye neentsapho zabo ezikufutshane.
5. Naliphi na ingenelo elifika kuthi emva komhla wokuvalo alisayi kusiwa so. Asisayi kuba natyala ngeefomu zokungenela ezilahlekayo okanye ezifika emva komhla wokuvala.
6.Ukuba akakho owine mpela, ibhaso lentuthuzelo elingama-R5 000 liya kunikwa umntu othumele ingenelo eliphantse lachana. Ukuba kukho abantu abangaphezu komnye kwibhaso elikhulu okanye kwelentuthuzeto imali iya kwabiwa ngokulinganayo 
7. Igama okanye amagama abaphumelele
kwiword Puzzle No 170 aya kukhutshwa kushicilelo lukaOktobha 1995 lweBona.
8.Amobhaso akukhutshelwa kuphela abakwiindawo ezisebenzisa iiRandi eziyimali yoMzontsi-Afrika
9. Abantu abaphumelele kwiWord Puzzle kufuneka bavume ukufotwa.
Khumbula, kuya kubakho iWord Puzzle eNTSHA kwiBona yenyanga elandelayo, ekunika ELINYE ithuba lokuwina ibhaso elikhulu esandleni!




138BONA XHOSA-JULY 1995

Ukuba unengxaki xa uhlamba impahla okanye kukho into ofuna ukuyiqonda, nceda ubhalele kwaOmo Mailbag, P.O.Box 1000, Durban,4000 ukuze uphendulwe buqu kungenjalo sitsalele umnxeba kule nombolo ingahlawulelwayo ithi 0800-332811. Usenokumamela nakwiinkqubo zikanomathotholo - amaxesha azo achaziwe ekupheleni kwalo mhlathi.
ngeye-10.00am
Radio Ndebele - ngolwesiBini -nge9.30am
Radio Sesotho - ngoMvulo -ngo-2.00pm
Radio Lebowa - ngolwesiThathu
- ngama-11.35am (NgeNorth Sesotho)
Radio Swazi - ngolwesiNe -ngeye-2.00pm
Radio Setswana - ngolwesiNe -nge-10.30am
Radio Venda - ngolwesiThathu nge-9.30am


Siyanibulisa apha kwaOmo Mailbag. Sifumana iincwadi ezininzi ezivela kumasoka azihlambela ngokwawo impahla. Kule nyanga sikhethe incwadi ka.. Mnu James Miya waseBethlehem. UMnu. Miya uyazihlambela impahla kwaye ufuna ukwazi ukuba angazifumana njani iziphumo ezincumisayo. Mnu. Miya, uqale kakuhle ngokusebenzisa iOmo Micro kuba isicocisisi esingayiwayo asipheleli nje ekwenzeni kube lula ukuhlamba impahla yakho
siyenza ibukeke intsha, iqaqambile imhlophe kananjalo.
Landela ezi ngcebiso ukuze ufumane iziphumo ezingayiwayo.
1. Yahlukanise impahla yakho ungahlanganisi ezimhlophe nezimabalabala. Ezingcole kakhulu zihlambe zodwa. 
2. Sebenzisa isicocisisi esilingeneyo. Imiyalelo ifumaneka emva kwepakethi yeOmo Micro. 
3. Sukulibazisa ukukhangelisisa amabala empahleni kuba zisuka kade zakuyekwa ixesha elide. 
4. Yihlambulule impahla yakho ngaphambi kokuba usebenzise isithambisi mpahla wandule
ukuyixhoma endaweni esemthunzini ukuyithintela ukuba ingagqatswa lilanga ize ibe gqola kungenjalo ibetyheli.

ICEBO LOKUSUSA IZIBHAXU
Izibhaxu zejusi yelemoni kufuneka zikhawulezelwe kuba xa zihleli ixesha elide ziphuma nzima kakhulu. Bilisela amanzi abilayo kuloo ndawo inebala wandule ukuyihlamba ingubo leyo kumxube ongamandla weOmo Micro.

Phulaphula kwi
Radio ZuIu - ngoMvulo - nge
2.30pm
Radio Xhosa - ngolwesiBini -








BONA XHOSA JULY 1995 142


Gqirha endimthandayo, Ndinonyana ominyaka isi-8 ochamayo xa elele. Ebusuku ndithanda ukumvusa ndimchamise kodwa ngengomso uvuka umandlalo umanzi tixi. Oku kuyandidimaza. Ndithini? NdinguZ.N., eMontclair.

Ukuchama yingxaki yabantwana eqhelekileyo, ngethamsanqa uninzi lwabo lwahlukana nayo lungakhange lunyangwe. Kubalulekile ukuba umntwana umse kugqirha ukuze kunyangwe nayiphi na ingxaki esemzimbeni esenokubangela eso sifo sibe sibi kunakuqala. Kukho iindlela zokunceda njengesilumkiso esinxityelelaniswe nombane nesikhawuleza sothuse zisuka nje umandlalo uchanyelwe. Kuba kukho izixhobo ezinje kusoloko kubaluleklle ukuthi xa engachamanga uvuye kunokuba
athi mhla echamile umngxolise. Olu lunyango ugqirha anokuluncomela noluncede abanye abantwana.


Gqirha endimthandayo, Ndilibhinqa elinama-26 eminyaka, ingxaki yam zizilonda ezijikeleze ilungu lam lobuntombi, zibuhlungu. Ndineenyanga ezimbini ndikhulelwe, ndinoloyiko lokuba umntwana endingekamzali usenokosulelwa. Indoda yam ayinazo iimpawu zesi sifo. Ndiye koogqirha abahlukahlukeneyo, kodwa esi sifo asikapheli. Abanye bathe ndiza kuba lidlolo, kodwa naku ndikhulelwe. Ndithini? NdinguK.S., Kubalulekile ukuya eklinikhi okanye kugqirha ukuze isifo onaso sixilongwe. Banyanisile xa besithi ezinye izifo ezisulelwa ngeendibano zesondo zinokwenza ungazali, kanti zinokusulela nomntwana
ongekazalwa. Wena nendoda yakho kufuneka nixilongwe ukuze nifumane unyango oluyimfuneko. Ngokomzekelo igcushuwa inokunyangwa ngokutofwa kodwa xa kuwe njengomama inganyangwa inokubangela umonakalo kwanokufa komntwana ongekazalwa.

Gqirha endimthandayo, intombi yam ene-18 leminyaka inuka amakhwapha. Oku akunyamezeleki. Ingenza ntoni ukuphelisa le ngxaki? NdinguN.S., eMdantsane. Amadlala amakhwapha akhupha ulutho olubangela ivumba lamakhwapha. Inkoliso yabantu ihlaselwa leli vumba ngeendlela ezahlukeneyo. Ukuhlamba qho nokucheba uboya emakhwapheni kulunceda Ukutyikila okanye ukutshiza isibulali-vumba kunokulawula ivunjana eliseleyo.







IINYANISO NAMACEBISO EMPILO


IKHOLERA


INYANISO

Ikholera sisifo esibangelwa ziintsholongwane ezihlala emanzini amdaka angacocwanga nangaphakathi ebantwini. Uphawu lokuqala lwesifo sekholera lurhudo. Maxa wambi umntu onekholera uyakhupha okanye abe nesisu esibuhlungu. Umntu onesi sifo udla ngokukhala ngezi zinto: urhudo, izihlunu ezibuhlungu nokuba buthathaka. Abantu abanekholera abanamkhuhlane. Unokusulelwa yikholera ngokwenza ezi zinto:
 ukusela amanzi amdaka angakhuselekanga angakhange abiliswe.
 ukutya iziqhamo okanye imifuno engaphekwanga ungayihlambanga okanye ehlanjwe ngamanzi
angabulawanga iintsholongwane.
 ukutya ukutya okuphekwe ngumntu onentsholongwane yekholera ezandleni zakhe.
 ukutya ukutya okungaphekwanga obekusemanzini aneentsholongwane, ngokomzekelo, iioysters, neemussels.


ICEBISO

Ikholera inokuthintelwa ngokusebenzisa izindlu zangasese, ngokuhlamba izandla ngesepha emva kokuba ubuye ngasese nangaphambi kokuba uphathe ukutya; ngokugcina ukutya namanzi ecocekile; nangokuwabilisa amanzi xa engakhiwa kwindawo ekhuselekileyo engenantsholongwane
MASAKHE ILIZWE ELINEMPILO!

Ikhutshelwe ukukhuthaza uNonophelo Lokuqala Lwempilo







144 BONA XHOSA JULY 1995


	CANCER
(June 22 - July 22)
Kweli thuba lihle lokuvavanya imithombo emitsha, zimisele, ulumke. Kulindeleke ukuba
ufumane amathuba amatsha okuqalisa izinto ozinqwenelayo. Okubalulekileyo kukuzithemba
ungadlokovi. Yiba krelekrele kwimicimbi yothando kuba akumele wenze izigqibo ezingezizo. Ungafumanisa ukuba kukho umntu
 okumonelayo. Imihla yethamsanqa: ngowama- 25 nowama-26. Amanani ethamsanqa: ngu-7 no-8.

LEO
(July 23 - August 23)
Eli lixesha lokuthabatha amanyathelo aya kunyusa imali oyamkelayo mhlawumbi elokulwela ukunyuselwa emsebenzini. Xa ufuna umsebenzi, unokuphucula amathuba akho ngokuba nesibindi.
Ukuze omfunayo umchukumis' intliziyo, wacebe
ngobulumko amanyathelo ezothando. Ukuba
utshatile, phucula uthando lwenu ngokuphucula  indlela oziphethe ngayo Imihla yethamsanqa:
ngowoku-1 . owama-27, owama-28 nowama-29. Amanani ethamsanqa: ngu-1 u-2 no-9.

VIRGO
(August 24 - September 22)
Eli iza kuba lithuba elihle nelikhumbulekayo kuwe
kuba ulincoko, ungumntu obang' umdla naphi na
apho ukhona. Ukucingisisa kuza kukwenza uphumeze nantoni na oyenzayo. Njengoko unomoya wothando, ungaphozis'amaseko  kwizicwangciso zakho, mema oza kukonwabisa. Imihla yethamsanqa: ngowe-2, owe-3. owe-4.
owama-30 nowama-31. Amanani ethamsanqa. ngu-2. u-3 no-4.

LIBRA
(September 23 - October 22) Lixesha lokuguqula iingcinga zakho zibe yimicimbi yosapho neyekhaya. Ngokuqinisekileyo uza kuba nemibono emihle kuko kokubini, unokuzixolisa izalamane ezikhathazekileyo, usombulule iingxaki zosapho. Malunga nothando unaso isizathu sokonwaba kuba le yinyanga entle yokuzalisekisa umnqweno wakho omkhulu. Imihla yethamsanqa:
ngowe-5 nowe-6. Amanani ethamsanqa: ngu-5 no-6.

SCORPIO
(October 23 - November 22) Ukuba uyacingisisa yaye uzimisele ukuguquka eli kuza kuba lithuba yokonwaba, leminciJi nempumeJelo kuwe. Uza kuwazuza amathuba
okubalasela, kufuneka wenze ukhetho oluhle. Wamkele amathuba amahle okulubuyisela uthando lwakho endleleni. Kuba ithuku lakho lemveli lichanile kwezothando, ngekh'uphazame. Imihla yethamsanqa: ngowe-7 nowe-8. Amanani ethamsanqa: ngu-7 no-8.

SAGITTARIUS
(November 23 - December 21) Ukuncokola kubalulekile ngoku, umele ubuze imibuzo efanelekileyo. Okuvayo kuya kukunika okufuna ukucingisiswa, kufanele kukuncede mayela namaphulo akho ngoku. Woba yingqondi xa uziqhelanisa namathemba neminqweno yesithandwa ukuze uphumeze ngokwenjenje ubonisa ukhathala nokuqonda. Imihla yethamsanqa: ngowe-9 nowe-10. Amanani ethamsanqa: ngu-9 no-1.

CAPRICORN
(December 22 - January 20) Usethubeni lokuva iindaba ezimnandi, zifanele zibe kokuthile kokuyihambisela phambili okanye zide zikubangele uzalisekise iminqweno okanye amathemba akho. Ubomi bunje, seliphinde lafika kwakhona ithuba lethamsanqa. Uza kumenywa apha naphaya zizithandwa,. Ungabhatyazi xa ekho okucholileyo. Ukuba akukatshati unako ukuba ukhetha ngobulumko. mihla yethamsanqa:
ngowe-11 nowe-l2. Amanani ethamsanqa: ngu-2 no-3.
AQUARIUS
(January 21 - February 19) Ufihlakele ngoku yaye uza kubona imimangaliso ube namava amaphupha nemibono enento yokwenza nekamva lakho. Yiphicothe, uze ufumane izisombululo nemiyalelo ebalulekileyo. Ngathi izinto ziza kukuhambela kakuhle kwezothando kule nyanga. Eli lithuba elibang'imincili oza kuzalisekisa umnqweno wakho ngalo. Imihla yethamsanqa: ngowe-13 nowe-14. Amanani ethamsanqa: ngu-4 no-5.

PISCES
(February 20 - March 20)
Qinisekisa ukuba ulinika ingqalelo ingomso lakho njengoko uzinikele kwizinto ezikukhathaza yonk'imihla. Njengoko ngoku uqaphela yaye unovelwano, unokuzibona izinto cacileyo, ngokuvumelana kanti unako nokuceba ngobulumko. Ncuma, zithembe xa ulindele ukuba isithandwa sakho sithi kulungile. Xa ungatshatanga, phuma, zimanye ukuba uza kuba nomtsalane kubantu ongabaqhelanga. Imihla yethamsanqa. ngowe-15 nowe-16. Amanani ethamsanqa: ngu-6 no-7.


ARIES
(March 21 - ApriJ 20) Lindela izinto ezithembisayo xa ufuna umsebenzi omtsha okanye unethemba lokuphucula iwonga lakho emsebenzini owenzayo ngoku. Unokuwabona amathuba evuleka, zimisele ukuwaxhakamfula. Bonisa uthando kwisithandwa sakho. Khangela iindlela zokukholisa isithandwa sakho, zama ukuphucula amacebo akho okuthanda. Imihla yethamsanqa. ngowe-17, owe-18 nowe-19. Amanani ethamsanqa: ngu-1. u-8

TAURUS
(April 21 - May 20) Ngenxa yokuzimisela nokuthanda ukucenga uyanconywa ngobukrelekrele bakho. Umele wenze inkqubela entle xa uyikhetha ngobulumko imisebenzi, amandla akho umele uwajolise kwimisebenzi efanelekileyo. Umele ube nomtsalane emntwini obukeka enik'umdla kodwa qiniseka ngokumthemba loo mntu. Imihla yethamsanqa: ngowama-20 nowama-21. Amanani ethamsanqa: ngu-2 no-3.

GEMINI
(May2l -June2l) 
Lixesha elihle lokuphonononga imibandela yobuqu. Unokufumanisa ukuba amacebo ekunzima ukuwaqonda mvanje ayaphumelela kwaye unamandla okuphumeza amaphulo abalulekileyo. Phofu ke. kufuneka ukhe uzenze iinzame zokuqondwa sisithandwa. Ungamlahli umntu osekuthanda. Imihla yethamsanqa:
ngowama-22, owama-23 nowama-24. Amanani ethamsanqa. ngu-4, u-5 no-6.



16 BONA XHOSA .- JuIy 1995

138 BONA XHOSA - JuIy 1995

142 BONA XHOSA - JuIy 1995

R(N XH)Si]iiL S

